1 Kwabasetesalonika 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Pawulos, ndikunye noSilas noTimoti. Ndibhalela ibandla likaThixo uYise neNkosi uYesu Krestu, eliseTesalonika. Ndithi kuni: Makulawule ubabalo noxolo.

Intlalo yabaseTesalonika

2 Ndisoloko ndimbulela uThixo ngenxa yenu nonke, ndinikhumbula njalo emithandazweni yam.

3 Ewe, andinilibali phambi koThixo onguBawo wethu. Ndikhumbula ukusebenza kwenu niqhutywa lukholo, ukubulaleka kwenu niqhutywa luthando, nomonde wenu ngenxa yethemba lenu eNkosini uYesu Krestu.

4 Ndiqinisekile, mawethu athandiweyo nguThixo, ukuba uninyulele ukuze nibe ngabakhe.

5 Kaloku iindaba ezimnandi endaniphathela zona yayingengomlomo nje qha, koko ndazizisa ngamandla kaMoya oyiNgcwele, ndiqhutywa kukoyiseka bubunyaniso bazo. Niyayazi indlela endandiziphethe ngayo ngokuya ndandilapho phakathi kwenu. Yonke loo nto yayikukulungiselela nina.

6 Nani ngokwenu nalandela ekhondweni lethu neleNkosi. Nangona naniphatheke kabuhlungu, udaba nalwamkela ngovuyo oluvela kuMoya oyiNgcwele.

7 Naza ngokwenjenjalo naba ngumzekelo kuwo onke amakholwa eMakedoni naseAkaya.

8 Kuba kaloku udaba lweNkosi lwahlokoma luphuma kuni, alwaya eMakedoni naseAkaya kuphela, koko iindaba zokukholwa kwenu kuThixo zihlwayeleke kuyo yonke indawo, kangangokuba akusekho mfuneko yakuba sichaze nto thina.

9 Seyingundaba-mlonyeni kubo bonke abantu indlela enasamkela ngayo kutyelelo lwethu. Kanti nokulahla kwenu izithixo niguqukela kuThixo, ukuze nibe zizicaka zoThixo wenene ophilayo, kukwanjalo.

10 Nonke nihlala nilindele ukubuya koNyana wakhe ezulwini, lowo wamvusayo ekufeni; ewe uYesu, yena usihlangulayo kuyo yonke ingqumbo ezayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5