1 Kwabasetesalonika 4 XHO96

Intlalo ekholisa uThixo

1 Ngaphezu koko, mawethu, sanifundisa indlela yobomi obumkholisayo uThixo. Le ke phofu yindlela ebeniphila ngayo kakade. Kodwa ke ngoku, njengoko nimanywe neNkosi uYesu, sinicela sinicenga-cenga ukuba nenze ngakumbi.

2 Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngegunya leNkosi uYesu.

3 UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya.

4 Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko,

5 iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo.

6 Ngokukwanjalo ke makungabikho bani umonayo okanye umvuyelelayo umwabo kulo mbandela. Sesinilumkisile ngaphambili ukuba iNkosi iya kubohlwaya abo benza izinto ezinjalo.

7 Kaloku uThixo akasibizelanga ekungcoleni, koko ufuna sibe nyulu.

8 Ngoko ke, nabani na ongayifuniyo le mfundiso akachasi mntu, uchasa uThixo lo unipha uMoya oyiNgcwele.

9 Akukho mfuneko yakuba ndinichazele ngoxanduva lokuthanda amanye amakholwa, kuba kaloku nina ngokwenu uThixo uyanifundisa ukuba nithandane.

10 Ibe ke ngenene nani niziphethe ngale ndlela kuwo onke amakholwa kulo lonke elaseMakedoni. Phofu ke, mawethu, ndiyanikhuthaza ukuba niqhubele phambili ukwenjenjalo.

11 Nokuba yintoni na imeko ibhongo lenu malibe kukuhlala ngoxolo, ningagxuphuleki kwimicimbi yabanye abantu. Philani kukubila kwamabunzi enu njengoko ndandiniyalele.

12 Ngale ndlela ke nabo bangakholwayo baya kutsho banihloniphe; futhi ke ningaxhomekeki mntwini ngeentswelo zenu.

Ukubuya kweNkosi

13 Ndithanda ukunicacisela, mawethu, mayela nâbo bangasekhoyo, ukuze ningabi lusizi njengabantu abangenathemba.

14 Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.

15 Le nyaniso ndinixelela yona lilizwi leNkosi: Thina baya kuba besaphila ngemini yokubuya kweNkosi asiyi kufumana nto bangayi kuyifumana abo bangasekhoyo.

16 Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala,

17 nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo.

18 Ngoko ke khuthazanani ngala mazwi.

kwizahluko

1 2 3 4 5