1 Kwabasetesalonika 5 XHO96

1 Mawethu, akukho mfuneko yakuba ndinibhalele mayela namaxesha namathuba.

2 Kaloku nazi kakuhle ukuba iMini yeNkosi ifika njengesela eliza ngobusuku.

3 Ngelo xesha akuyi kusinda mntu, kuba lo gama kanye abantu bathi lixolile, bakhuselekile, lifika ngequbuliso ishwangusha kubo, kanye njengentlungu eviwa ngumfazi oza kuzala.

4 Ke nina, mawethu, anihambi emnyameni. Loo mini ke ayimelwe kunifikela ngebhaqo ngokwesela.

5 Nina ningabantu bokukhanya, abantu abahamba emini. Thina asibantu bahamba ngobusuku, emnyameni.

6 Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.

7 Kulalwa ebusuku ngabalalayo; kunxilwa ebusuku ngamanxila.

8 Ke thina bantu bahamba emini masinganxili, koko masambathe ukholo nothando njengesikhuselo-sifuba, sithwale ithemba lokusindiswa njengomnqwazi wokukhusela intloko.

9 Kuba kaloku uThixo akasinyulelanga ingqumbo, usinyulele ukuba sizuze usindiso ngoYesu Krestu iNkosi yethu,

10 owasifela ukuze sihlale kunye naye, nokuba silele nokuba asilele.

11 Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

Isiphetho nombuliso

12 Ndiyanicenga, mawethu, babekeni abo babulaleka ngenxa yenu, betyunjwe yiNkosi ukuba banikhokele baniqeqeshe.

13 Bahloneleni nibathande ngenxa yomsebenzi abawenzayo. Nina hlalani ngoxolo omnye nomnye.

14 Ndiyanibongoza, mawethu, bakhalimeleni abanxaxhayo, nibakhuthaze abatyhafileyo, nibasekele ababuthathaka, nibaphathe ngomonde xa bebonke.

15 Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.

16 Vuyani maxa onke,

17 nithandaze njalo-njalo.

18 Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

19 UMoya oyiNgcwele sanukumminxa;

20 ilizwi elivela eNkosini sanukulidela.

21 Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo.

22 Nayiphi na into embi yityesheleni.

23 Wanga ke uThixo osinika uxolo anganenza nyulu ngeendlela zonke, anigcine ngokupheleleyo, umoya nomphefumlo nomzimba, ningabi nabala ekufikeni kweNkosi uYesu Krestu.

24 Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.

25 Nathi sithandazeleni, mawethu.

26 Wabuliseni ngokwamakholwa onke amawethu.

27 Ndiyaniyala ngegunya leNkosi ukuba le leta niyifundele onke amakholwa.

28 Lwanga ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu lungahlala nani.

kwizahluko

1 2 3 4 5