25 Ngale yona into ndiqinisekile, futhi ndiyazi ukuba ndisaza kuphila. Ndisaza kuhlala ndinincede, niqhubele phambili, lukhule uvuyo nokholo lwenu.
26 Xa ndiphinde ndafika ke apho kuni noba nebhongo ngakumbi ngoYesu Krestu ngenxa yobukho bam.
27 Ngoko ke ziphatheni ngendlela engqinelana neendaba ezingoKrestu. Nokuba ndizile ndanibona, okanye ndiyeva nje ngani, mandive ukuba nimi ngxishi moyeni mnye, ninenjongo enye yokuncedisana, nisilwela ukuthotyelwa kweendaba ezingoKrestu.
28 Musani ukoyikiswa ziintshaba zenu. Loo nto iya kuzenza ziqonde ukuba ziya kwantshabalalo, nina niya elusindisweni, ibe ke uloyiso luvela kuThixo.
29 Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.
30 Nina nam sisedabini elinye. Nakha nandibona ndikulo, futhi ikwaleli nivayo ukuba nangoku ndisekulo.