1 Njengoko kobu bomi bethu, simanywe noKrestu, kukho inkuthazo, kukho nokuvuseleleka kothando, nokudlelana koMoya, kukho nobubele novelwano,
2 ngoko ke ndaneliseni nindivuyise ngokuba nibe banye ngezimvo nangothando, nibanye ngengqondo, nizamela ukuba nibe yimbumba yamanyama.
3 Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.
4 Izinto abanomdla kuzo abanye zixabiseni nazo, ningakhathaleli izinto eninomdla kuzo kuphela.
5 Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku: