2 ngoko ke ndaneliseni nindivuyise ngokuba nibe banye ngezimvo nangothando, nibanye ngengqondo, nizamela ukuba nibe yimbumba yamanyama.
3 Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.
4 Izinto abanomdla kuzo abanye zixabiseni nazo, ningakhathaleli izinto eninomdla kuzo kuphela.
5 Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku:
6 Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,ukulingana noThixo akakubawelangakangangokude afune ukusunduzana naye.
7 Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,wathatha isimo sesicaka,waba ngumntu ncakasana.Engumntu ebantwini,
8 wazambesa intobeko,ntobeko leyo yamsa ekufeni –ukufa kwasemnqamlezweni.