5 Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku:
6 Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,ukulingana noThixo akakubawelangakangangokude afune ukusunduzana naye.
7 Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,wathatha isimo sesicaka,waba ngumntu ncakasana.Engumntu ebantwini,
8 wazambesa intobeko,ntobeko leyo yamsa ekufeni –ukufa kwasemnqamlezweni.
9 Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
10 ukuze bonke abaphilayo,ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu;
11 bathi bebonke bavume bengafihlisiukuba uYesu Krestu yiNkosi,bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.