1 Ndiphetha ngelithi ke, mawethu, yanga iNkosi inganipha uvuyo. Akundixhamli konke ukuphinda ndibhale izinto ebekhe ndazibhala ngaphambili; iya kuninceda loo nto.
2 Zilumkeleni ezo zinja, nemikhwa yazo emibi. Balumkeleni abo banimele ngokutsheca imizimba – soze ndithi lulwaluko loo nto yabo.
3 Ábaluke ngenene sithi, thina bamnqula ngoMoya uThixo, thina baqhayiya labo linguKrestu Yesu, thina singaqhayisiyo ngento eyenziwe emzimbeni.
4 Nam ngokwam bendingaqhayisayo ngezi zinto. Ukuba kukho bani uqhayisa ngembonakalo, mna ndingaqhayisa ngaphezulu:
5 Mna ndaluswa ndineentsuku ezisibhozo ndizelwe. NdingumSirayeli wesizwe sakwaBhenjamin ngokomlibo, umHebhere nozwane. Ndandingoweqela *labaFarasi ekugcineni *umthetho,ndinenzondelelo,