17 Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zaba ntathu iimina* zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.
18 Ukumkani wenza itrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaléka ngegolide engcwengiweyo.
19 Itrone leyo ibinezinyuko ezithandathu; itrone leyo ibinomphezulu oyinqila ngasemva. Kukho iingalo ngapha nangapha kwendawo yokuhlala; kumi iingonyama ezimbini ecaleni leengalo ezo.
20 Kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.
21 Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ecikizekileyo; bekungekho yasilivere; ibingento yakonto yona ngemihla kaSolomon.
22 Ngokuba ukumkani ubenesinqanawa saseTarshishe elwandle, ndawonye nesinqanawa sikaHiram; seza kanye ngeminyaka emithathu isinqanawa eso saseTarshishe, sithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.*
23 Waba mkhulu ke ukumkani uSolomon, ngaphezu kookumkani bonke behlabathi, ngobutyebi nangobulumko.