1 Ookumkani 6 XHO75

Ukwakhiwa kwetempile kaSolomon

1 Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omané anamanci asibhozo bephumile oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngomnyaka wesiné uSolomon engukumkani kumaSirayeli, ngenyanga enguZivi, eyinyanga yesibini, wamakhela uYehova indlu leyo.

2 Loo ndlu ukumkani uSolomon wamakhelayo uYehova ibiziikubite* ezimashumi mathandathu ubude bayo, iziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bayo, iziikubhite ezimashumi mathathu ukuphakama kwayo.

3 Ivaranda,* ebiphambi kwebhotwe lendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini ubude bayo bungangobubanzi bendlu; ibiziikubhite ezilishumi ububanzi bayo phambi kwendlu.

4 Ke indlu wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa athe nkqi.

5 Wákha eludongeni lwendlu umayamo ngeenxa zonke; ezindongeni zendlu ngeenxa zonke, ezo zebhotwe nezendawo yezihlabo, wenza amagumbi emacaleni ngeenxa zonke;

6 udidi oluphantsi beluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; oluphakathi beluziikubhite ezintandathu ububanzi balo; olwesithathu beluziikubhite ezisixhenxe ububanzi balo; ngokuba wenza iingqameko endlwini ngaphandle, wajikelezisa, ukuze imiqadi ingàfakwa ezindongeni zendlu.

7 Indlu ekwakhiweni kwayo yákhiwa ngamatye aselegqityiwe ukulungiswa endaweni ambiwa kuyo; izando nezixholo, zonke iimpahla zesinyithi, azivakalanga kuloo ndlu ekwakhiweni kwayo.

8 Umnyango wegumbi eliphakathi ubusecaleni lasekunene lendlu; kwenyukwa ngezinyuko ezizungulezayo ukuya kweloluphakathi udidi, nokusuka kulo kuyiwe kwelolwesithathu.

9 Wayakha ke indlu, wayigqiba, wayifulela ngemiqadi neeplanga zemisedare.*

10 Wákha ke umayamo endlwini yonke, waziikhubhite ezintlanu ukuphakama kwawo; wabambelela endlwini ngemisedare.

11 Lafika ilizwi likaYehova kuSolomon, lisithi,

12 Ngale ndlu uyakhayo wena, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho ngokuhamba ngayo: ndolimisa kuwe ilizwi lam, endalithethayo kuDavide uyihlo;

13 ndihlàle phakathi koonyana bakaSirayeli, ndingabashiyi abantu bam amaSirayeli.

14 Wayakha ke uSolomon indlu, wayigqiba.

15 Wazakha iindonga zendlu ngaphakathi ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini yophahla; waleka ngemithi ngaphakathi, wawaleka umgangatho wendlu ngeeplanga zemisipres.*

16 Wákha iikubhite ezimashumi mabini, ethabathela emaphundwini endlu, ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini; wazakhela yona ngaphakathi indawo yezihlabo, ingcwele kangcwele.

17 Yayingamashumi amané eekubhite indlu leyo ilibhotwe elingaphambili.

18 Yayimisedare kule ndlu ngaphakathi, ilukrolo lwamathangazana neentyantyambo ezithe bhenqe; yangumsedare yonke; akwabonakala litye.

19 Walungisa indawo yezihlabo endlwini ngaphakathi, ukuba ibekwe khona ityeya yomnqophiso kaYehova.

20 Umphakathi wendawo yezihlabo ubuziikubhite ezimashumi mabini ubude bawo, uziikhubhite ezimashumi mabini ububanzi bawo, uziikubhite ezimashumi mabini ukuphakama kwawo; wawaleka ngegolide ethe shinyi, wasaleka nesibingelelo ngomsedare.

21 Wayaléka ke uSolomon indlu ngaphakathi ngegolide ethe shinyi, wavala ngemixokelelwane yegolide ngaphambi kwendawo yezihlabo, wasaleka ngegolide.

22 Wayaléka ngegolide yonke ke indlu, wada wayigqiba yonke indlu; nesibingelelo sonke esibe sisendaweni yezihlabo wasaleka ngegolide.

23 Endaweni yezihlabo wenza iikerubhi* zambini ngeminquma yasendle: zalishumi leekubhite ukuphakama kwazo.

24 Libe liziikubhite ezintlanu elinye iphiko lekerubhi, libe liziikubhite ezintlanu elesibini iphiko lekerubhi: zaba ziikubhite ezilishumi, zithabathela encamini yelinye iphiko layo, zise encamini yelinye iphiko layo.

25 Ibiziikubhite ezilishumi neyesibini ikerubhi: ubumnye umlinganiso, kukunye ukubonakala kweekerubhi zombini.

26 Ukuphakama kwenye ikerubhi bekuziikubhite ezilishumi, bekunjalo nakweyesibini ikerubhi.

27 Wazibeka iikerubhi ezo ngaphakathi kwengaphakathi indlu; oluka amaphiko eekerubhi: lafikelela iphiko lenye eludongeni, lathi iphiko lekerubhi yesibini lafikelela kolunye udonga; aza amaphiko azo afikelelana esazulwini sendlu: elinye iphiko lafikelela kwelinye iphiko.

28 Wazaleka iikerubhi ezo ngegolide.

29 Wathi zonke iindonga zendlu ngeenxa zonke wazikrola imikrolo, zaba nemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, ngaphakathi nangaphandle.

30 Umgangatho wendlu wawaleka ngegolide ngapha nangapha.

31 Umnyango wendawo yezihlabo wawenzela iingcango ngeminquma; ulungqu lwemigubasi belusisahlulo sesihlanu sodonga.

32 Iingcango zombini bezizezomnquma; wazikrola ngemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, wazaleka ngegolide; eyihambisa igolide phezu kweekerubhi namasundu.

33 Wenjenje ukuwenzela umnyango webhotwe imigubasi ngeminquma, esisahlulo sesiné sodonga.

34 Iingcango zombini wazenza ngemisipres; amaphiko omabini olunye ucango aba ngajingayo, amaphiko omabini olwesibini ucango aba ngajingayo.

35 Wakrola kuwo iikerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, waleka ngegolide, yagudiswa emikrolweni.

36 Wákha intendelezo engaphakathi ngeengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nangeengcamba zemisedare echweliweyo.

37 Yasekwa ngomnyaka wesiné, ngenyanga enguZivi, indlu kaYehova;

38 ngomnyaka weshumi elinamanye, ngenyanga enguBhuli, eyinyanga yesibhozo leyo, yagqitywa loo ndlu ezintweni zayo zonke, nasezimfanelekweni zayo zonke. Wayakha ngeminyaka esixhenxe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22