14 Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti,* wathi kuye, Ùnguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye.
15 Wathi kuye, Hamba siye ekhaya, udle isonka.
16 Wathi yena, Andinakubuya nawe; andinakungena nawe; andiyi kudla sonka, andiyi kusela manzi nawe kule ndawo;
17 kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo.
18 Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi.
19 Watsho emxokisa. Wabuya ke naye, wadla isonka endlwini yakhe, wasela amanzi.
20 Kwathi, behleli etafileni apho, kwafika ilizwi likaYehova kuloo mprofeti ubembuyisile;