7 Yiya, uthi kuYarobheham, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo phakathi kwabantu, ndakwenza ingànga kubantu bam amaSirayeli,
8 ndabukrazula ubukumkani endlwini kaDavide, ndakunika; wesuka akwafuza umkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imithetho yam, owandilandelayo ngentliziyo yakhe yonke, ukuba enze okuthe tye kodwa emehlweni am;
9 wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:
10 ngako oko, yabona, ndiya kuyizisela ububi indlu kaYarobheham, ndiyinqamle kwaYarobheham yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli, ndiwatshayele amavelamva endlu kaYarobheham, njengokutshayelwa kwelindle, kude kuthi tu.
11 OkaYarobheham ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu; ngokuba uYehova ethethile.
12 Suk' ume ke wena, uhambe uye endlwini yakho; ekungeneni kweenyawo zakho kuwo umzi, úya kufa umntwana.
13 Ommbambazelela onke amaSirayeli, amngcwabe; ngokuba nguye yedwa kwaYarobheham, oya kungena engcwabeni; ngenxa yokuba kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.