10 Ehleli nje uYehova uThixo wakho, akukho luhlanga nabukumkani, apho ingathumelanga khona inkosi yam, ikufuna; bakùthi, Akakho, yabafungisa ubukumkani nohlanga olo, ukuthi akufumanekanga.
11 Kaloku ke ùthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya.
12 Kothi, ndithe ndemka kuwe, uMoya kaYehova akuthwàlele apho ndingaziyo; ndiye ndixelele uAhabhi, angakufumani, andibulale; umkhonzi wakho lo umoyiké uYehova kwasebuncinaneni bam.
13 Bekungaxelwanga na enkosini yam endakwenzayo ekubabulaleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, ndazimeza ikhulu lamadoda kubaprofeti bakaYehova, ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, ndabondla ngesonka nangamanzi?
14 Kaloku ke ùthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya; ukuze indibulale.
15 Wathi uEliya, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimiyo phambi kwakhe, inene, namhlanje ndiya kubonana naye.
16 UObhadiya waya kumkhawulela ke uAhabhi, wamxelela; wahamba uAhabhi, waya kumkhawulela uEliya.