12 Kothi, ndithe ndemka kuwe, uMoya kaYehova akuthwàlele apho ndingaziyo; ndiye ndixelele uAhabhi, angakufumani, andibulale; umkhonzi wakho lo umoyiké uYehova kwasebuncinaneni bam.
13 Bekungaxelwanga na enkosini yam endakwenzayo ekubabulaleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, ndazimeza ikhulu lamadoda kubaprofeti bakaYehova, ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, ndabondla ngesonka nangamanzi?
14 Kaloku ke ùthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya; ukuze indibulale.
15 Wathi uEliya, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimiyo phambi kwakhe, inene, namhlanje ndiya kubonana naye.
16 UObhadiya waya kumkhawulela ke uAhabhi, wamxelela; wahamba uAhabhi, waya kumkhawulela uEliya.
17 Kwathi, uAhabhi akumbona uEliya, wathi uAhabhi kuye, Ùlapha na wena, uwahlisele intlekele amaSirayeli?
18 Wathi yena, Andiwahliselanga ntlekele amaSirayeli; nguwe nendlu kayihlo, ngokuyishiya kwenu imithetho kaYehova, walandela ooBhahali.*