4 wayethe yena ekubanqamleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, uObhadiya wathabatha ikhulu labaprofeti, wabazimeza ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, wabondla ngesonka namanzi).
5 Wathi ke uAhabhi kuObhadiya, Hamba uye ezweni, emithonjeni yonke yamanzi nasemilanjaneni yonke; mhlawumbi sofumana utyani, siphilise amahashe noondlebende, zingabuthisi zonke iinkomo.
6 Balahlula ilizwe phakathi kwabo, ukuba bacande kulo; uAhabhi wahamba ngenye indlela yedwa, uObhadiya wahamba ngenye indlela yedwa.
7 Kwathi ke, esendleleni uObhadiya, wabonakala uEliya emkhawulela, wamazi, wawa ngobuso, wathi, Nguwe na lo, nkosi yam Eliya?
8 Wathi yena kuye, Ndim. Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya.
9 Wathi, Ndenzé sono sini na, ukuba umnikele umkhonzi wakho esandleni sika-Ahabhi ukuba andibulale?
10 Ehleli nje uYehova uThixo wakho, akukho luhlanga nabukumkani, apho ingathumelanga khona inkosi yam, ikufuna; bakùthi, Akakho, yabafungisa ubukumkani nohlanga olo, ukuthi akufumanekanga.