13 Kananjalo oko ungàkucelanga ndikunikile nako, kwaubutyebi nozuko, ukuba kungabikho mntu unjengawe phakathi kookumkani yonke imihla yakho.
14 Ke ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ngokuyigcina imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ndoyolula imihla yakho.
15 Wavuka uSolomon, O! liphupha. Waya ke eYerusalem, wema phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, wenyusa amadini anyukayo, wenza imibingelelo yokubulela, wabenzela isidlo abakhonzi bakhe bonke.
16 Ngelo xesha kweza kukumkani amankazana amabini angamahenyukazi, ema phambi kwakhe.
17 Yathi enye inkazana, Camagu, nkosi yam! Thina nale nkazana sihlala ndlwini-nye; ndazala, ndinayo kuloo ndlu.
18 Kwathi ngosuku lwesithathu ndizele, yazala nayo le nkazana, sindawonye ke; kwaye kungekho mntu wasemzini unathi kuloo ndlu, sisodwa thina sobabini kuloo ndlu.
19 Wafa unyana wale nkazana ebusuku, ngokusuka ilale phezu kwakhe.