23 ishumi leenkomo ezityetyisiweyo, namashumi omabini eenkomo zasemadlelweni, nekhulu lempahla emfutshane, ewodwa amaxhama, namabhadi, namanqa, neenkuku ezityetyisiweyo.
24 Ngokuba ubenobukhosi kulo lonke eliphesheya kwawo uMlambo, lithabathela eTifesa lesa eGaza, kookumkani bonke abaphesheya koMlambo. Wayenoxolo ngeenxa zonke kuye.
25 Ahlala amaYuda namaSirayeli ekholosile, elowo ehleli phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ethabathela kwaDan esa eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.
26 USolomon wayenamawaka amané emikhumbi yezitali zamahashe eenqwelo zakhe, neshumi elinamabini lamawaka amahashe akhwelwayo.
27 Abo bongameli babemxhasa ukumkani uSolomon, nabo bonke abasondela etafileni yokumkani uSolomon, elowo exhasa ngenyanga yakhe; bekungasweleki nto.
28 Irhasi, nomququ wamahashe, nowamahashe aziimbaleki, babeyizisa endaweni apho ibifanele ukuba khona, elowo njengokumiselwa kwakhe.
29 UThixo wamnika ke uSolomon ubulumko nengqondo ngokuninzi kunene, nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.