31 Ubelumkile ngaphezu kwabantu bonke, ngaphezu koEtan umEzera, noHeman, noKalekole, noDarda, oonyana bakaMaholi. Igama lakhe belisezintlangeni zonke ngeenxa zonke.
32 Wathetha amawaka amathathu emizekeliso; zathi neengoma zakhe zaliwaka elinantlanu.
33 Wathetha ngemithi, ethabathela kumsedare* waseLebhanon, ase nakwihisope* ephuma eludongeni; wathetha nangeenkomo, nangeentaka, nangezinambuzane, nangeentlanzi.
34 Baye bevela ezintlangeni zonke, besiza kuva ubulumko bukaSolomon bevela kookumkani bonke bomhlaba, ababebuvile ubulumko bakhe.