33 Ukwenziwa kweevili bekunjengokwenziwa kweevili zeenqwelo zonke; iiasi zazo, neefeleni zazo, nezipeki zazo, neenafu zazo, zibe zityhidiwe zonke.
34 Amagxa omané abesezimbombeni zoné zenqwelwana, emilile enqwelwaneni amagxa lawo.
35 Emphezulwini wenqwelwana kwakukho inqila ngeenxa zonke; ukuphakama kwawo kusisiqingatha sekubhite; phezu komphezulu wenqwelwana kwaphuma izinto zokubamba neepanele.
36 Emacebeni azo okubamba, nasezipaneleni zawo, wakrola iikerubhi neengonyama namasundu, ngangebala lalo elinye, nezidanga ngeenxa zonke.
37 Wenjenjalo ukuzenza iinqwelwana ezilishumi: waba mnye umtyhido, waba mnye umlinganiso, kwaba kunye ukubonakala kwazo zonke.
38 Wenza ke izitya zokuhlambela zalishumi ngobhedu; sisinye isitya sokuhlambela salingana amashumi amané eebhate: sisinye isitya sokuhlambela siziikubhite eziné; sasisitya sokuhlambela enqwelwaneni kuzo zoshumi.
39 Wabeka iinqwelwana zantlanu ngecala lokunene layo indlu, wabeka zantlanu ngecala lasekhohlo layo indlu; walubeka ulwandle ngecala lokunene layo indlu, lwabheka empumalanga malunga ezantsi.