42 neerharnate ezimakhulu mané zeminatha yomibini: imikrozo emibini yeerharnate kumnatha umnye yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni;
43 neenqwelwana ezilishumi, nezitya zokuhlambela ezilishumi ezinqwelwaneni;
44 nolwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kolwandle olo;
45 neembiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neempahla zonke. Zizo ezo izinto uHuram awazenzela ukumkani uSolomon, zendlu kaYehova; bezizezobhedu olubengezelayo.
46 Ukumkani wazityhidela emmandleni weYordan, emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTsaretan.
47 Waziyeka uSolomon zonke iimpahla zingalinganiswanga, ngokuba bezizininzi kakhulu kunene; àbafumaneka ubunzima bobhedu olo.
48 Wazenza ke uSalomon zonke iimpahla zendlu kaYehova: isibingelelo segolide, netafile yegolide ebezikuyo izonka zokubonisa;