1 Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, izikhulu zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli, kukumkani uSolomon eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova, iphume emzini kaDavide: yiZiyon ke leyo.
2 Abizelwa ndawonye kukumkani uSolomon onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni ngenyanga enguEtanim: yinyanga yesixhenxe ke leyo.
3 Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli; bayithwala ababingeleli ityeya leyo.
4 Benyuka nayo ityeya kaYehova, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele ezibe zisententeni; benyuka nazo ababingeleli nabaLevi.
5 Ke ukumkani uSolomon nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselene kuye, linaye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
6 Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi.*
7 Ngokuba iikerubhi zaye ziwolulele amaphiko phezu kwendawo yetyeya, iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.