10 Bawuthimba ekupheleni kweminyaka emithathu, ngomnyaka wesithandathu kaHezekiya (lowo ngumnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani wakwaSirayeli); wathinjwa ke umzi wakwaSamari.
11 Ukumkani waseAsiriya wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawabeka eHala, naseHabhore emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi,
12 ngenxa enokuba engaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wawo; esuka awugqitha umnqophiso wakhe, nako konke awawisa umthetho ngako uMoses umkhonzi kaYehova; akeva, akenza.
13 Ke kaloku ngomnyaka weshumi elinesiné wokumkani uHezekiya, wenyuka uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi enqatyisiweyo yakwaYuda, wayithabatha.
14 UHezekiya ukumkani wakwaYuda wathumela kukumkani waseAsiriya eLakishe, esithi, Ndonile, buya umke kum; othe wakubeka phezu kwam ndokuthwala. Waza ukumkani waseAsiriya wabeka phezu koHezekiya ukumkani wakwaYuda amakhulu omathathu eetalente zesilivere,* namashumi omathathu eetalente zegolide.*
15 UHezekiya wamnika yonke isilivere eyafunyanwa endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani.
16 Ngelo xesha uHezekiya wayinqamla igolide yeengcango zetempile kaYehova, nemigubasi abeyalékile uHezekiya ukumkani wakwaYuda, wayinika ukumkani waseAsiriya.