2 Ookumkani 9 XHO75

Uvukelo lukaYehu

1 Ke uElisha umprofeti wabiza omnye koonyana babaprofeti, wathi kuye, Bhinqa isinqe sakho, uphathe eli gutyana leoli ngesandla sakho, uye eRamoti yaseGiliyadi;

2 ungene khona, ukhangele khona uYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, uye utsho esuke phakathi kwabazalwana bakhe, umse engontsini engaphakathi;

3 uthabathe igutyana leoli, umgalele entloko, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli; uluvule ke ucango, usabe, ungahlali.

4 Waya umfana lowo, umkhonzi lowo womprofeti, eRamoti yaseGiliyadi.

5 Wafika ke, nabá abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthethelimkhosi.

6 Wesuka, wangena endlwini, wamgalela ioli entloko, wathi kuye, Útsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kubantu bakaYehova, kumaSirayeli.

7 Woyixabela indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ndiwaphindezele amagazi abakhonzi bam abaprofeti, namagazi abakhonzi bonke bakaYehova, esandleni sikaIzebhele;

8 idàke yonke indlu ka-Ahabhi, ndinqumle kuAhabhi yonke into eyindoda, novalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.

9 Ndoyenza indlu ka-Ahabhi ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya;

10 zimdle izinja uIzebhele esiqwengeni esiseYizereli, kungabikho umngcwabayo.Waluvula ucango, wasaba.

11 Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Luxolo na? Ebezeleni na lo mbhudi? Wathi kubo, Le ndoda yaziwa níni, kwanokuthethathetha kwayo.

12 Bathi, Xoka; khawusixelele. Wathi, Ùthe, wathi ukuthetha kum, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli.

13 Bakhawuleza, wathabatha elowo ingubo yakhe, wayibeka phantsi kwakhe uYehu ezinyukweni kanye, bavuthela izigodlo, bathi, UYehu ngukumkani!

14 UYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wamceba ke uYoram. Ke kaloku uYoram ubeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena namaSirayeli onke, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram;

15 ke ukumkani, uYoram, ubebuyele eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuma-Aram, esilwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wathi uYehu, Ukuba kukuthanda kwenu, makungaphumi kusinde mntu kulo mzi, aye kuxela eYizereli.

Ukubulawa kukaYoram ukumkani wamaSirayeli noAhaziya

16 Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ebelele khona. Ke uAhaziya ukumkani wamaYuda wehla, waya kumbona uYoram.

17 Ke kaloku umlindi, obemi phezu kwenqaba eYizereli, wabona impi kaYehu ekuzeni kwakhe, wathi, Ndibona impi. Wathi uYoram, Thabatha okhwele ihashe, umthume aye kubakhawulela, athi, Luxolo na?

18 Waya kumkhawulela loo mkhweli-hashe, wathi, Útsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Umthunywa uye wafika kubo, ke akabuyi.

19 Wathuma owesibini umkhweli-hashe, waya kubo, wathi, Útsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo?

20 Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Uye wafika kubo, ke akabuyi; ke ukuqhuba kunjengokuqhuba kukaYehu, unyana kaNimshi; ngokuba uqhuba ngobudlongodlongo.

21 Wathi uYoram, Bopha. Yabotshwa inqwelo yakhe yokulwa. Waphuma uYoram ukumkani wamaSirayeli, noAhaziya ukumkani wamaYuda, elowo esenqwelweni yakhe yokulwa. Baphuma baya kumkhawulela uYehu, bamfumana esiqwengeni somhlaba sikaNabhoti waseYizereli.

22 Kwathi uYoram, akumbona uYehu, wathi, Luxolo na, Yehu? Wathi yena, Luxolo lwani na, xa ukuhenyuza kukaIzebhele unyoko, nokukhafula kwakhe okuninzi, kusahleliyo nje?

23 UYoram wawajika amahashe ngezandla zakhe, wasaba. Wathi kuAhaziya, Licebo, Ahaziya.

24 UYehu waqubula isaphetha sakhe, watsho kuYoram phakathi kwamagxa, utolo lwaphumela ephaphini lakhe, wee buthuthu enqwelweni yakhe.

25 Wathi uYehu kuBhidekare, umphathi-mkhosi wakhe, Mthwale, umphose esiqwengeni somhlaba kaNabhoti wakwaYizereli; ngokuba, khumbula, oko sasikhwele thina sobabini, mna nawe, emva koAhabhi uyise, uYehova wahlaba eso sihlabo ngaye.

26 Inene amagazi kaNabhoti, namagazi oonyana bakhe, ndiwabonile izolo, utsho uYehova; ndiya kukuphindezelela kwesi siqwenga somhlaba, utsho uYehova. Ke ngoko mthwale, umphose esiqwengeni eso ngokwelizwi likaYehova.

27 UAhaziya ukumkani wakwaYuda, ekubonile oko, wasaba ngendlela yendlu yasemyezweni. UYehu wamsukela, wathi, Naye mgwazeleni enqwelweni yokulwa (kube kuseqhineni leGure elingaseIblam). Wasaba ke waya eMegido, wafela khona.

28 Abakhonzi bakhe bamsa ngenqwelo eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe kooyise, emzini kaDavide.

29 Ngomnyaka weshumi elinamnye kaYoram unyana ka-Ahabhi, uAhaziya waba ngukumkani wakwaYuda.

Ukufa kukaIzebhele

30 Uthe uYehu akufika eYizereli, weva uIzebhele, waziqaba amehlo, wazihombisa intloko, wavela ngefestile.

31 Wangena uYehu esangweni, wathi yena, Luxolo na, Zimri, wena mbulali wenkosi yakho?

32 Wawaphakamisa uYehu amehlo akhe, wabheka efestileni, wathi, Ngubani na ongakum? Ngubani na? Kwalunguza ababusi ababini, abathathu.

33 Wathi, Mkhahleleni phantsi. Amkhahlela phantsi; igazi lakhe lachaphazela udonga namahashe, wamnyathelisa ngawo.

34 Wangena, wadla, wasela; wathi, Khanimvelele laa mqalekiswakazi, nimngcwabe; ngokuba yintombi yokumkani.

35 Baya kumngcwaba; abawufumana umzimba wakhe, yaba lukakayi, neenyawo, neentende zezandla kuphela.

36 Babuya ke, bamxelela. Wathi, Lilizwi likaYehova elo, abelithethe ngomkhonzi wakhe uEliya waseTishbhi, lisithi, Izinja ziya kuyidla inyama kaIzebhele esiqwengeni somhlaba saseYizereli,

37 sithi isidumbu sikaIzebhele sibe njengomgquba phezu komhlaba esiqwengeni saseYizereli, kukuze kungàthiwa, Lo nguIzebhele.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25