7 Wathi uIsaya, Thabathani isicumba samakhiwane; basithabatha ke, babeka ethumbeni, waphila.
8 Wathi uHezekiya kuIsaya, Uyintoni na umqondiso wokuba uYehova uya kundiphilisa, ndinyuke ndiye endlwini kaYehova ngomhla wesithathu?
9 Wathi uIsaya, Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, wokuba úya kulenza uYehova ilizwi alithethileyo: Isithunzi síhambe na izinyuko ezilishumi, síbuye na izinyuko ezilishumi?
10 Wathi uHezekiya, Kulula kwisithunzi ukoluka izinyuko ezilishumi; hayi, isithunzi masibuye umva izinyuko ezilishumi.
11 UIsaya umprofeti wamnqula uYehova, wasibuyisa umva isithunzi izinyuko zalishumi, esasihle zona esinyukweni sika-Ahazi.
12 Ngelo xesha uBherodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; ngokuba ubevile ukuba uHezekiya ubesifa.
13 Wabeva uHezekiya, wababonisa yonke indlu yakhe yengqwebo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yeentonga zakhe, nento yonke eyayikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe, nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.