6 Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela; lathethwa apho ityala lakhe.
7 Abasíka oonyana bakaZedekiya ekhangele; amtyhaphaza amehlo uZedekiya, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu, amsa eBhabheli.
8 Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lwesixhenxe enyangeni leyo (loo mnyaka ke ngoweshumi elinesithoba engukumkani uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli), kwafika uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu, umkhonzi wokumkani waseBhabheli, eYerusalem.
9 Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke ezinkulu wazitshisa ngomlilo.
10 Iindonga zaseYerusalem yazidiliza ngeenxa zonke impi leyo yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki babantu.
11 Amasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awayephambele kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu.
12 Ke umphathi wabasiki babantu wawasalisa amahlwempu elizwe, ukuze abe ngabasebenzi bezidiliya nabalimi.