2 Makhe siye eYordan, sizithabathele khona elowo umqadi ube mnye, sizenzele khona indawo yokuhlala. Wathi, Yiyani.
3 Wathi omnye, Makukholeke kuwe ukuhamba nabakhonzi bakho. Wathi, Ndiya kuhamba.
4 Wahamba nabo. Bathi bakufika eYordan, bagawula imithi.
5 Kwathi, omnye ewisa umqadi, intsimbi yeyela emanzini; wakhala, wathi, Yoo, nkosi yam! ibibolekiwe.
6 Wathi umfo wakwaThixo, Iwe phi na? Wambonisa loo ndawo. Wanqumla uluthi, waluphosa khona. Yadada intsimbi.
7 Wathi, Yithabathe. Wasolula isandla sakhe, wayithabatha.
8 Ke kaloku ukumkani wama-Aram* wayesilwa namaSirayeli, wacebisana nabakhonzi bakhe, esithi, Kuya kuba sekuthini, nasekuthini, apho ndolalisa khona.