11 Wesuka ke uManowa, wamlandela umkakhe, waya kuloo mntu, wathi kuye, Ungulaa mntu na ubethetha nomfazi?
12 Wathi, Ndinguye. Wathi uManowa, Ukuba lithe lenzeka kaloku ilizwi lakho, lóba yintoni na isiko lale nkwenkwe, nokwenza kwayo?
13 Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Konke endikuthethileyo kumfazi makazigcine kuko.
14 Maze angadli nto iphuma emdiliyeni, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, angadli nanye into eyinqambi. Konke endimwisele umthetho ngako makakugcine.
15 Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Makhe sikubambezele, sikwenzele itakane itakane lebhokhwe.
16 Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.
17 Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzùkise lakwenzeka ilizwi lakho?