17 Akabaphulaphula nabagwebi bawo, asuka ahenyuza ngokulandela thixo bambi, abanqula, atyeka kamsinya endleleni ababehamba ngayo ooyise, yokuphulaphula imithetho kaYehova. Akenjanga njalo ke wona.
18 Naxa uYehova wawavelisela abagwebi, uYehova waba nomgwebi lowo, wawasindisa esandleni seentshaba zawo yonke imihla yomgwebi lowo; ngokuba uYehova wazohlwaya ngenxa yokuncwina kwawo, phambi kwabaxini bawo, ababandezeli bawo.
19 Kwathi, akufa umgwebi lowo, abuya onakalisa ngaphezu kooyise, alandela thixo bambi ngokubakhonza nangokubanqula; akaziyeka iintlondi zawo nendlela yokuba lukhuni kwawo.
20 Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli; wathi, Ngenxa enokuba olu hlanga luwugqithile umnqophiso wam endawumisela ooyise, alwaliphulaphula ilizwi lam:
21 nam andiyi kuphinda ndithi phambi kwabo ndigqogqe mntu wezi ntlanga, wazishiyayo uYoshuwa ekufeni kwakhe;
22 ukuze ndiwalinge ngazo amaSirayeli, ukuba oyigcina na indlela kaYehova, ahambe ngayo, njengoko bayigcináyo ooyise, akayi kuyigcina, kusini na?
23 Waziyeka ke uYehova ezo ntlanga, akazigqogqa kamsinya, akazinikela esandleni sikaYoshuwa.