13 USisera wazihlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, iinqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba, nabantu bonke abanaye, bethabathele eHarosheti yeentlanga, besa emlanjaneni waseKishon.
14 Wathi uDebhora kuBharaki, Suk' ume, ngokuba yiyo le imini uYehova amnikele ngayo uSisera esandleni sakho; akaphumi yini na uYehova phambi kwakho? Wehla uBharaki entabeni yeTabhore, elandelwa ngamadoda angamawaka alishumi.
15 UYehova wamdubaduba uSisera neenqwelo zakhe zonke zokulwa, nomkhosi wakhe wonke, ngohlangothi lwekrele phambi koBharaki; wehla uSisera enqwelweni, wasaba ngeenyawo.
16 UBharaki wazisukela iinqwelo zokulwa, wawusukela nomkhosi, wesa eHarosheti yeentlanga; wawa wonke umkhosi kaSisera ngohlangothi lwekrele, akwasala noko amnye.
17 USisera wasaba ngeenyawo, waya ententeni kaYaheli, umkaHebhere umKeni; ngokuba belixolile phakathi koYabhin ukumkani waseHatsore nendlu kaHebhere umKeni.
18 Waphuma ke uYaheli, waya wamkhawulela uSisera, wathi kuye, Phambuka, nkosi yam, phambukela kum; musa ukoyika. Waphambukela ke kuye ententeni, wamgubungela ngengubo.
19 Wathi kuye, Khawundiphe intwana yamanzi ndisele, ngokuba ndinxaniwe. Wamthululela amasi emvabeni, wamnika wasela; wamgubungela.