31 Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba únguThixo, makazithethele, ngokuba sídiliziwe isibingelelo sakhe.
32 Kwathiwa loo mini unguYerubhahali,* kusithiwa, uBhahali makaphikisane naye, ngokuba esidilizile isibingelelo sakhe.
33 Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.
34 UMoya kaYehova wangena kuGidiyon, wavuthela ngesigodlo; ahlatyelwa umkhosi, eza ama-Abhihezere, amlandela.
35 Wathuma abathunywa kumaManase onke, ahlatyelwa; eza nawo amlandela. Wathuma abathunywa kuma-Ashere, nakumaZebhulon, nakumaNafetali; enyuka awakhawulela.
36 Wathi uGidiyon kuThixo, Ukuba ùyawasindisa amaSirayeli ngesandla sam,
37 njengoko uthethileyo, nanku ndibeké uboya obuchetyiweyo esandéni; ukuba umbethe uthe waba seboyeni bodwa, wonke umhlaba wawomile, ndiya kwazi ke ukuba uya kuwasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo.