13 Wafika uGidiyon; nantso indoda ixelela ummelwane wayo iphupha, isithi, Yabona, ndiphuphé iphupha; ndiboné kuqengqeleka isonka serhasi sisiza emkhosini wamaMidiyan, sifike ententeni, sibèthe iwe, ithi bhukuqu intente, ithi bhuma.
14 Waphendula ummelwane wayo wathi, Loo nto kunje likrele likaGidiyon, unyana ka Yowashe, indoda yakwaSirayeli; uThixo uwanikele amaMidiyan nomkhosi wonke esandleni sakhe.
15 Kwathi, akukuva uGidiyon ukuxelwa kwephupha nokutyhilwa kwalo, wanqula, wabuyela emkhosini wamaSirayeli, wathi, Vukani, ngokuba uYehova uyinikele impi yamaMidiyan esandleni senu.
16 Wawahlula aba ngamaqela omathathu amadoda lawo amakhulu mathathu; wabeka izigodlo esandleni sawo onke, nemiphanda engenanto, nezikhuni ezivuthayo ngaphakathi kwemiphanda leyo.
17 Wathi kuwo, Khangelani kum, nenjenje: yabonani, ndákufika ekupheleni kwempi, nothi njengoko ndenza ngako mna, nenjenjalo nina.
18 Ndovuthela ngezigodlo mna, nabo bonke abanam, nivuthele ke ngezigodlo nani ngeenxa zonke emkhosini, nithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!
19 Wafika ke uGidiyon, nekhulu lamadoda elinaye, ekupheleni kwempi, ekuqalekeni komlindo ophakathi kobusuku, bákuth' ukuthi ukumiswa abalindi. Lavuthela ngezigodlo, liyiqhekeza imiphanda esezandleni zalo.