20 Wathi kuYetere owamazibulo kuye, Suk' ume, ubabulale. Ke indodana leyo ayilirholanga ikrele layo; ngokuba ibisoyika, kuba ibisengumfana.
21 Bathi ooZebha noTsalimuna, Suk' ume wena, usithi qwele; njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.
22 Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.
23 Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; nguYehova oya kunilawula nina.
24 Wathi uGidiyon kuwo, Ndiya kucela ngcelo-nye kuni; ndinikeni elowo ijikazi lexhoba lakhe. (Ngokuba ebenamajikazi egolide, kuba ebengamaIshmayeli.)
25 Athi, Sokunika ngemvume. Azandlala iingubo, aphosa khona elowo ijikazi lexhoba lakhe.
26 Ubunzima bamajikazi egolide awawacelayo baba liwaka elinamakhulu asixhenxe eeshekele* zegolide, ngaphandle kwezaa ntsimbi namacici neengubo ezimfusa ezibe zikookumkani bamaMidiyan, nangaphandle kwezidanga ezibe zisezintanyeni zeenkamela zabo.