36 UGahali wababona abantu, wathi kuZebhule, Naba abantu besihla ezincotsheni zeentaba. Wathi uZebhule kuye, Ùbona amathunzi eentaba ngathi ngabantu.
37 Waphinda waqokela uGahali, wathi ukuthetha, Naba abantu besihla emnyeleni welizwe, elinye iqela lisiza ngendlela yoMoki* wamaTola.
38 Wathi uZebhule kuye, Úphi na kaloku umlomo wakho owathi ngawo, Ngubani na uAbhimeleki ukuba simkhonze? Asingabo abo bantu na wabacekisayo? Khawuphume kaloku, ulwe nabo.
39 Waphuma uGahali phambi kwabemi bakwaShekem, walwa noAbhimeleki.
40 UAbhimeleki wamsukela; wasaba yena phambi kwakhe. Kwawa ababuleweyo baba baninzi, kwada kwesa ekungeneni kwesango.
41 UAbhimeleki wahlala eAruma; uZebhule wamgxotha uGahali nabazalwana bakhe ukuba bangahlali kwaShekem.
42 Kwathi ngengomso, baphuma abantu baya emasimini; waxelewa uAbhimeleki.