Intshumayeli 1 XHO75

Yonke into ingamampunge

1 Amazwi eNtshumayeli, unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem.

2 Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge.

3 Únalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga?

4 Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.

5 Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona.

6 Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo.

7 Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.

8 Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihlúthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva.

9 Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekáyo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.

10 Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.

11 Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.

12 Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.

13 Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awuniké oonyana babantu, ukuba bawuzame.

14 Ndazikhangela zonke izenzo ezenzékayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.

15 Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa.

16 Ndathetha mna nentliziyo yam, ndisithi, Yabona, mna ndikhulisé ndandisa ubulumko, ngaphezu kwabo bonke ababephethe iYerusalem phambi kwam; nentliziyo yam iboné kakhulu ubulumko nokwazi.

17 Intliziyo yam ndayinikela ekwazini ubulumko, nasekwazini ubugeza nobuyatha; kwanaloo nto ndayiqonda ukuba kukusukelana nomoya.

18 Ngokuba ebuninzini bobulumko kukho ukuhlelwa sisiyengelezane esininzi; owongeza ukwazi, wongeza umvandedwa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12