1 Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko.
2 Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso; intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso.
3 Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge.
4 Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.
5 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya: