10 Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, àkalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise.
11 Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi.
12 Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona.
13 Ingqalo yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi.
14 Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho; nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela?
15 Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini.
16 Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa!