16 Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa!
17 Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi!
18 Ngobuvila iyabhena imigadi; ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu.
19 Benza isidlo ukuba bahleke, iwayini ivuyise ubomi; imali ilungele iinto zonke.
20 Musa ukumtshabhisa ukumkani, nasesazeleni sakho, ungasitshabhisi nesityebi ezingontsini zakho zokulala; ngokuba intaka yasendle yolihambisa elo zwi, nento enamaphiko iyixele loo ntetho.