3 Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge.
4 Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.
5 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya:
6 ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, ziba izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi.
7 Ke ndiziboné izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka.
8 Omba isigingqi, angéyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingámluma.
9 Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni.