4 zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubon' ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma;
5 naxeshikweni baya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, neento eziqhiphula umbilini zibe sendleleni; utyatyambe umamangile,* uchabachabase umqhathu, utshitshe umnqweno; ngokuba umntu esiya ekhayeni lakhe laphakade, bajikajike ezitratweni abambambazeli;
6 ingekaqhawuki intambo yesilivere, lityumke iselwa legolide, uqhekeke umphanda emthonjeni, yaphuke ivili iwe equleni;
7 lungekabuyeli emhlabeni uthuli, njengoko belunjalo, umoya ubuyele kuThixo owawunikayo.
8 Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.
9 Phezu koko, ngokuba iNtshumayeli ibisisilumko, yamana ibafundisa abantu ukwazi, yalinganisela, yabagocagoca, yayila imizekeliso emininzi.
10 INtshumayeli yafuna, inga ingafumana amazwi anandiphekayo, kuthi nokubhalwayo kulunge, ibe ngamazwi enyaniso.