9 Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo.
10 Ngokuba xa bathe bawa, omnye unokumphakamisa uwabo; yeha ke, yena oyedwa, othe wawa! kuba akukho wesibini wokumphakamisa.
11 Kananjalo ababini, bathe balala, baya kuva ukusitha; angáthini na ukuva ukusitha olele yedwa?
12 Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontluntathu awuhle uqhawulwe.
13 Ulungile umntwana olihlwempu elumkile, ngaphezu kokumkani oselemkhulu, esisidenge, ongasakuvayo ukuyalwa.
14 Ngokuba uphuma endlwini yamakhonkxwa ukuba abe ngukumkani; ukanti uzalelwe ebukumkanini balowo ulihlwempu.
15 Ndababona bonke abadla ubomi, behamba phantsi kwelanga kunye naye umntwana, lo ungowesibini, uza kuma esikhundleni salowo.