5 kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo.
6 Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angàkuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?
7 Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe; ukanti umphefumlo awuzali.
8 Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo?
9 Kulungile ukubona kwamehlo ngaphezu kokuhambahamba komphefumlo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
10 Loo nto iselikho, yabe iselithiywe kade igama layo; yaziwa into aya kuba yiyo umntu; akanakumelana nalowo unokumeyisa.
11 Ngokuba kukho amazwi amaninzi nje, andisa amampunge; umntu unalungelo lini na ngaloo nto?