16 Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiselelyo; yini na ukuba uziphanzise?
17 Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?
18 Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.
19 Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.
20 Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.
21 Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;
22 ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba ùyabatshabhisa abanye nawe.