19 Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.
20 Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.
21 Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;
22 ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba ùyabatshabhisa abanye nawe.
23 Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum.
24 Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?
25 Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingázi, ingásingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingákwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza.