20 Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.
21 Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;
22 ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba ùyabatshabhisa abanye nawe.
23 Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum.
24 Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?
25 Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingázi, ingásingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingákwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza.
26 Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela; olungileyo phambi koThixo uya kusínda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo.