1 Ngubani na onjengeislumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulomko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, bugúqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.
2 Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.
3 Musa ukukungxamelo ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.
4 Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?
5 Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesigwebo;
6 ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;
7 ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?