Uamosi 1 XHO75

Imigwebo kaThixo kwiintlanga ezingabamelwana

1 Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo.

2 Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enzè isijwili, incopho yeKarmele yomè.

3 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuba bambhuláyo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:

4 ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.

5 Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram,* baye eKire; utsho uYehova.

6 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:

7 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.

8 Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.

9 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, àbawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:

10 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde.

11 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesaye yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe:

12 ndiya kuthumela umlilo kwaTeman, utshise iingxande ezinde zaseBhotsera.

13 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo:

14 ndiya kubàsa umlilo eludongeni lweRabha, utshise iingxande zayo ezinde, kúhlatywa umkhosi ngemini yokulwa, kúkho umoya ovuthuzayo ngemini yesaqhwithi.

15 Uya kuthinjwa emke ukumkani wabo, yena nabathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9