2 Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enzè isijwili, incopho yeKarmele yomè.
3 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuba bambhuláyo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:
4 ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
5 Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram,* baye eKire; utsho uYehova.
6 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:
7 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.
8 Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.