5 Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram,* baye eKire; utsho uYehova.
6 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:
7 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.
8 Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.
9 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, àbawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:
10 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde.
11 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesaye yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe: