2 ndiya kuthumela umlilo kwaMowabhi, utshise iingxande ezinde zeKeriyoti, afe uMowabhi, kúphithizelwa, kúhlatywa umkhosi, kúvuthelwa izigodlo.
3 Ndomnqumla umgwebi phakathi kwakhe, ndibabulale bonke abathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.
4 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, àbayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, àbandwendwisa:
5 ndiya kuthumela umlilo kwaYuda, utshise iingxande ezinde zeYerusalem.
6 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini;
7 bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;
8 banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.