2 Ndazé nina nedwa emizalwaneni yonke yehlabathi; ngenxa yoko ndiya kubuvelela kuni ubugwenxa benu bonke.
3 Bakha bahambe ndawonye na ababini, bengavani?
4 Ikha ibharhule na ingonyama ehlathini, ingenanto iyiqwengayo? Ingonyama entsha ikha igqume na emqolombeni wayo, ingabambanga nto?
5 Ikha yeyele na intaka esibatheni emhlabeni, kungekho sango liyithiyeleyo? Wojuba na umgibe emhlabeni, ungabambisanga nokubambisa?
6 Khona khe sivuthelwe na isigodlo phakathi komzi, bangothuki abantu? Khe bubekho na ububi phakathi komzi, engabenzanga uYehova?
7 Inene, ayikhe yenzé into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.
8 Ingonyama ibharhule, ngubani na ongoyikiyo? INkosi uYehova ithethile, ngubani na ongayi kuprofeta.